Monday, July 27, 2026
spot_img
More

    Latest Posts

    Dalubuhle Shines at 95.2% Despite Provincial Drop

    Njengoko izikolo zivuliwe siyi IDikelethu sithanda ukuvuyisana nabafundi abathe baphumelela ibanga leshumi. Kwizikolo ezithe zenza kakuhle kuMasipala iRaymond Mhlaba singabalula iDalubuhle eseSheshegu ephumelele ngomyinge u-95.2% nto leyo ithi kuleminyaka mithathu idluleyo khange ibengaphantsi kwamashumi alithoba ekhulwini. Oyinqununu yesisikolo umama uNtombozuko Mpofu uthi: basoloko befuna ukugqwesa kwaye bazimisela ngakumbi emsebenzini wabo bengabafundisi-ntsapho bakwazinikele ekusebenzisaneni nabafundi. “Into esisebenzelayo sisesisikolo kukubambisana nabafundi siphinde sibambisane, yiyo lento sineminyaka emithathu siqhuba ngesisingqi”. Ukanti UNkszn. Sarah Lekhotla ongumhlohli wezifundo zenzululwazi ngempilo kwibanga 10-12 kwesisikolo uthi abazali nabo badlala indima kakhulu nanjengoko bethatha inyathelo ngokuthi bafunele abantwana iindawo zokuhlala kufutshane nesikolo ukuze bakwazi ukufumaneka nasemva kwexesha lesikolo bafundele iimviwo. “Iyasinceda kakhulu lonto sisisikolo”, utshilo. Noxa kunjalo, iphondo lona aliqhubanga kakuhle nanjengoko lithe lehlela kumyinge ka 84.17% ukusuka kumyinge ka 84.9%. Isithethi sesebe lezemfundo apha ephondweni uMnu. Malibongwe Mtima uthi bazimisele ukuwonyusa kwakhona lomyinge wempumelelo yabafundi. Uqhuba ngelithi isizathu sokuhla kwawo baqaphele ukuba abantwana abaqondi kakuhle ulwimi olusetyenziswayo kwizifundo zezibalo nezenzululwazi nanjengoko kubalulekile oko ukuze iimpendulo ibezezichanekileyo. “Sizimisele ukuqinisekisa ngakumbi okokuba bayaluqonda na ulwimi oluthethwayo kwezizifundo nanjengoko bezakutsho bazi ukuba kuthethwa ngantoni xaku fikelela kwizifundo ezi.” Lo kaMtima uqhuba ngelithi izikhukhula zonyaka ophelileyo, ezichaphazele ummandla ophesheya kweNciba oquka i Alfred Nzo, iMbashe, iKing Sabata kunye nabanye ooMasipala ziye zanegalelo nazo ekwehleni kwempumelelo yabafundi nanjengoko abafundi kuye kwanyanzeleka ukuba bame ezifundweni ithuba elide ngenxa yokuba izixhobo zonakaliswe zezozichotho.

    Latest Posts

    LegitInfo
    Local Business Finder
    Loading listings...
    Powered by LegitInfo
    spot_imgspot_imgspot_img

    Don't Miss

    Stay in touch

    To be updated with all the latest news, offers and special announcements.

    ×