Monday, July 27, 2026
spot_img
More

    Latest Posts

    Dikeni Runners Make History With 60km New Year Challenge

    Iimbaleki zaseDikeni ziwuqale kakuhle kakhulu unyaka ka-2026 izolo umhla wokuqala kweyoMqungu ngokuthi zenze imbali kumhlaba wonke jikelele yokuqala zigqibe umgama omde wokuzilolonga ongamashumi amathandathu eekhilomitha ( 60 km).

    Injongo ephambili yalo mdyarho nobuqala e-Addelaide uzophela e-Dikeni kukukhuthaza iimbaleki ukuba ziwuqale unyaka kwinqanaba eliphezulu zizame ukusebenza ngaphezu kokuba zenzile kunyaka ophelileyo futhi ziyithyale nemiqobo emi phambi kwempumelelo yazo.

    Ukanti kwimbalelwano ekhutshwe leliqela leembaleki zaseDikeni uMnumzana uLwazi Mbambo uthe le ikwayindlela eqhubekayo ebonakalisa imbeko nokuthakazelela kwabo ubuhle bendalo nobume-mhlaba baseMpuma-Kapa kule ngingqi yaseRaymond Mhlaba.

    Utsho ebalula iindawo abadlule bezibuka kuhola wendlela uR63 odibanisa ezidolophu zikhankanywe ngentla kuquka ubume – mhlaba be Karoo, intaba ezinkulu ezinobungangamsha zase Winterburg nase Kartberg bebethwa yimimoya emnandi yeefama zalemihla.

    Lamaqhawe eembaleki ezintlanu nezizenzele udumo lokuwuqala ziwugqibe umdyarho ngexesha elibekiweyo afike kumhlaba wakwaNokholeji amnkelwa ngezandla ezishushu zezinye iimbaleki ebezilinde ngokubaleka umgama we10 km.

    I-Alice Road Runners Club ibulela bonke abantu abayixhasayo ikwamemelela bonke abantu abanomdla wokuzibandakanya nale club kuquka noosomashishini abanomdla wokuxhasa eliphulo leembaleki zaseDikeni baqhagamishelane nabo ku 0627575308 okanye babhalele ku-

    sec.arrc@gmail.com

    Latest Posts

    LegitInfo
    Local Business Finder
    Loading listings...
    Powered by LegitInfo
    spot_imgspot_imgspot_img

    Don't Miss

    Stay in touch

    To be updated with all the latest news, offers and special announcements.

    ×