Injongo ephambili yalo mhlangano ibikukuvuyisana nawo onke Amakhwenkwe athe oluka ngexesha le holide zehlobo kwinyanga yoMnga nathe axhotyiswa ngobudoda.
“Fundani nibenemali nikhusele amakhaya enu kuzo zonke iintshaba”.
La ngamazwi kaNkosi uLanga Mavuso enika intetho yakhe ephambili ekwamnkela Amakrwala angena ebudodeni kwingingqi yakhe.
Uhambise wathi zininzi ke indidi zeentshaba ezinye khange wazenza nto kuquka notshaba oluyindlala ekufuneka nincedise ukulilwa ngokuthi nilime ze niqinisekise ukuba nemfuyo ayibiwa futhi ayipheli emakhaya xa nisemandleni okwenza oko.
Iindaba zihambisa zithi lento yenzeka okokuqala kule ngingqi kulandela ingxwabangxaba nemilo eyenzeka phambi kokuba oluke amakhwenkwe ngexesha lemiguyo nasemva kokuba engene ebudodeni ingakumbi ezikolweni nto leyo imosha isiko lolwaluko kwaXhosa.
Amakrwala akwayalwe nayiNqununu yesikolo sase Phambani Mzimba uMnu. Mafu nocele lawo azakubuyela esikolweni athobele imimiselo nemiqathango yesikolo abengabantwana besikolo abachubekileyo engqondweni anxibe impahla zesikolo futhi ayeke umkhuba wokufuna ukuqonda abanye boluke njani okanye bazazi kangakanani na izinto zasentabeni ngoba lonto ijongela phantsi indlela abanye aboluswe ngayo futhi ikwadala udushe olugqubayo ezikolweni.
Uqhube encoma abaququzeleli balo mhlangano ngokuwubamba izikolo zingeka vulwa ukuze amakrwala ayazi indlela ekufuneka eziphethe ngayo kwesisigaba angene kuso esikolweni.
Ukwakhuthaze nalawo ebeyekile abuyele esikolweni angabingomapara kuba inqabile imisebenzi eMzantsi Afrika futhi ekhoyo ifuna abantu abafundileyo.
Umnumzana Maqala yena obephuma kwiSebe lezeMpilo naye uzeke mzekweni ebulela abaququzeleli nabo bonke abantu abadlale indima ekuyeni kwala makrwala esuthwini ephila abuya ephila.
Uthe abantwana abaswelekela ebhomeni benziwa kungakhathalelwa, unganikwa amanzi nasi sifo se-septic.
Aphume amakrwala apho efunde lukhulu, ezinye zeemfundiso azifumeneyo kukuba indoda inqadwa kanye, lithemba lekhaya, icocekile futhi ichubekile entloko.
Ababhuti batsha bagqogqwe indlebe nangabakwantsasana abayibeke mhlophe into yokuba xa bethe batyeshela umthetho emva kweziziyalo bandlwengule, basebenzise iziyobisi, bahlukumeze abantu abadala emakhayeni abo, balwe okanye benze nayiphi into egwenxa bayakuzibona bekwesimnyama sona isisele, bazibulalela ikamva labo.
Le ntlanganiso ibiyonganyelwe yiNkosana elibambela leNkosi umfo ka Mahala kukho nabefundisi, oonontlalontle kwakunye nabahlali.



