Umbulelo ongazenzisiyo ovela kwi Co-op uMthontsi waseLukhuko Primary Corporative Limited eseMaqoma olawula indawo yabatyeleli uMthontsi Guest House & Conference Centre yodidi oluphezulu evulwe eMpuma Kapa ngomhla wesibini kule imiyo.
Kwisiganeko esingasoze silibaleke, uMthontsi Co-op ivule ngokusesikweni indawo yabatyeleli yodidi oluphezulu exabisa ngaphezulu kwezigidi ezingama-31 zeerandi. Le projekthi iphuhliswe ngurhulumente weCandelo lezokhenketho ngokubambisana nenkampani zabucala, yaye sele ibonwa njengomqondiso wophuhliso oluzisa ithemba kubahlali basekuhlaleni.
Imbali yale ndawo iqala ngo-1998 xa uMakhenkesi Stofile, owayenguPremier waseMpuma Kapa ngelo xesha, wathenga umhlaba kumlungu othile ukuze abahlali ababehlala ngaphandle kweendawo zokuhlala bafumane indawo yokuphila emva kokugxothwa ezifama. Njengembuyekezo, abantu abali-15 bathatha isigqibo sokuvula i-cooperative, besebenzisa indlu eyayiyindawo yomlungu njengesiseko samashishini abo.
Namhlanje, le ndawo ayisiyondawo yokuhlala kuphela kodwa yindawo yokhenketho enezibonelelo eziphambili. UMnu Sisa Camagu Mthontsi uthe: “Umnqweno wethu ngoku kukuba sibe neempepha ezisemthethweni zobunini bomhlaba, kulungiswe indlela kunye nengxaki yamanzi ukuze siqhubeke nokuphuhlisa indawo yethu.”
Kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo, le projekthi sele iqhuba ngokuqesha abantu abahlanu, kwaye kulindeleke ukuba xa ikhula, kuqeshwe abantu abaninzi ngakumbi. Umbulelo okhethekileyo uye kwiNkulumbuso yeMpuma Kapa, kwiDeputy Minister wezotyelelo, kuMeya waseAmathole, nakwiinkokeli ezahlukeneyo ezibandakanyekayo, kuquka iNational Tourism, i-ECPTA, kunye neNational Parks.
Le ndawo ayizukuphela nje ngokuba yindawo yokhenketho, kodwa kulindeleke ukuba ibe yindawo yezilwanyana kunye neenkomfa, nto leyo eza kuzisa amathuba amatsha kubahlali nakwimimandla ejikelezileyo.
Ngalomhla wokuvulwa kwalendawo, oomama abaqhuba amashishini e-tourism kwiWard 10 banikwe izipho. ULumka Pinda, ongomnye wamakhosikazi aqhuba i-homestays ezasekwa ngonyaka ka – 2017 kwaMavuso nase Dolophini, uthe nangona engafumenanga sipho, uyavuya ukubona ukuba urhulumente uyazicinga iindawo zokuhlala zabucala. Wongeze wathi: “Umanyano loomama kunye nentsebenziswano yeyona nto iza kusiphuhlisa.”
Le projekthi ibonwa njengomzekelo ocacileyo wokuba xa urhulumente, abahlali kunye nenkampani zabucala besebenzisana, iziphumo ziba yimpumelelo enkulu.



