Monday, July 27, 2026
spot_img
More

    Latest Posts

    Bayakhala kukumka kweevenkile abahlali

    Ziyabetha-bethana izimvo zabahlali baseDikeni malunga nokuvalwa kweevenkile zabakwaSteers nakwaDebonairs Pizza. Ezi venkile zimbini zokutyela zizakugqiba iiveki ezimbini zingasasebenzi. Abahlali nabathandi bokutya bezivekile bakhathazekile ngelixa abanye besithi zincedile zivale. Umhlali ongafunanga ukuba lichazwe igama lakhe uthi ezivenkile ukutya ebezikuthengisa bekungekho mgangathweni kwaye bezisoloko zingenazo izinto ezifunwa ngabahlali. “Ngenye imini ndaya ndiyokuthenga ndafika bengenawo umachine wobhatala ngekhadi, ukanti ngaphambili ndafika ndafuna uhlobo oluthile lwebhega bathi abanayo”Uqhubeke ngelithi ebeyibonile lentoyokuvalwa kwezivenkile ingakumbi usteers nanjengoko ebesoloko ethengisa i – “ayikho”.Omnye wabahlali kudliwano-ndlebe neliphepha-ndaba ogama lingu Asemahle Gogela uthe, ” Besisavuya eDikeni ngokubakho kwezivenkile ngoba nabafundi bezibanceda kakhulu nanjengoko bengenaxesha laneleyo lakupheka ingakumbi ngexesha leemviwo.” Uqhubeke wathi uAsemahle ezivenkile bezikwazise uphuhliso eDikeni. Lomhlali nongu mfundi uthi inkxalabo abanayo kukuba ezivenkile bezikwavule amathuba emisebenzi kulutsha lwalo masipala. Ukuvala kwezivenkile ngesiquphe kushiye nezinye iivenkile zimangalisekile. Abahlali bakhalela iibhega zasimahla ebezifumaneka rhoqo ngolwesithathu xa umntu ethenge ibhega enye ebenikwa eyesibini mahala.Bezingekaphenduli kwimbalelwano eziyithunyelwe leliphepha-ndaba iziphathamandla zezivenkile ngelixa lokushicilela.NB:Ningalibali amaxabiso aphantsi okutya okusemgangathweni okuphela kwenyanga ayaqhuba kwivekile zabakwaNtu Spar no Georgious Spar.

    Latest Posts

    LegitInfo
    Local Business Finder
    Loading listings...
    Powered by LegitInfo
    spot_imgspot_imgspot_img

    Don't Miss

    Stay in touch

    To be updated with all the latest news, offers and special announcements.

    ×